Eyasentlango 16:16-17-32 Ibhayibhile (XHO96)

3. Beza belihlokondiba elichase uMosis noAron, baza bathi kubo: “Kungokunje nigabadele! Ubonanje ibandla liphela lamaSirayeli libango *likaNdikhoyo; kwaye futhi uNdikhoyo ukho phakathi kwalo. Ngani ke ukuba nizenze bhetele kangaka kunebandla lamaSirayeli?”

4. UMosis ke uthe akuweva la mazwi, wawa ngamadolo.

5. Waza ke wabhekisa kuKora nabalandeli bakhe, wathi: “Ngomso kusasa uNdikhoyo uza kukhe asibonise ukuba ngubani na kanye umnyulwa wakhe. Lowo ke ungowakhe ncam, lowo amkhethileyo, uya kumsondeza.

8. UMosis waqhuba wathi kuKora: “Khanitsho, baLevi,

9. ngaba niyidelile into yokuba uThixo kaSirayeli anibekele bucala kumaSirayeli ephela, ukuze nisondele kuye, nisebenze *esibingelelweni sakhe, nibuse ngenxa yamaSirayeli?

16-17. UMosis wathi kuKora: “Ngomso wena naba bantu bakho bangamakhulu amabini anamashumi amahlanu ze niye esibingelelweni; noAron uya kubakho. Umntu ngamnye ke kuni aze athathe umcephe womlilo, awufake isiqhumiso, awuzise kwiqonga phambi koNdikhoyo.”

18. Ngenene ke indoda nganye kubo yathatha umcephe womlilo, yawufaka amalahle nesiqhumiso, yema esangweni lesibingelelo kunye noMosis noAron.

19. Ke kaloku uKora wabaqokelela bonke abangakuye, bema bajonga kuMosis noAron esangweni lesibingelelo. Kuthe kusenjalo suka kwavela ubuqaqawuli bukaNdikhoyo kumaSirayeli ephela,

20. waza ke uNdikhoyo wabhekisa kuMosis noAron, wathi:

21. “Khwelelani kwaba bantu. Ndiza kubatshabalalisa ngephanyazo!”

22. Kambe ke uMosis noAron bakhahlela, bawa ngamadolo, badanduluka bathi: “Awu, Thixo, wena mthombo wobomi, kaloku kone umntu wamnye qha, ungathini ke ukusuka ulwe namaSirayeli ephela?”

23. UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba

24. athi kumaSirayeli: “Khwelelani kwimizi yooKora noDatan noAbhiram.”

25. Ke kaloku uMosis wahamba waya kuDatan noAbhiram elandelwa ziinkokheli zamaSirayeli.

26. Wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khwelelani kwimizi yala madoda akhohlakeleyo, ningakhe nichukumise nento le yawo, hleze nani nitshayelwe kunye nawo ngenxa yezono zawo.”

27. Ngoko ke amaSirayeli azikhwebula kwimizi yooKora noDatan noAbhiram.Ke kaloku uDatan noAbhiram babephumile, bema kwiminyango yezindlu zabo, ndawonye nabafazi nabantwana kwaneentsana.

28. Ke uMosis wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Ngoku kuza kucaca kuni, kuba ngenene ezi zinto andizenzeli ngokuthanda kwam, koko nguNdikhoyo ondithuma ukuba ndizenze.

29. Ukuba la madoda abulewe zizifo nje eziqhelekileyo, ze nazi ukuba akandithumanga uNdikhoyo.

30. Kambe ke ukuba uNdikhoyo wenze into engazange ihle nanini na, kwavuleka umhlaba, waginya la madoda nako konke okwawo, ngohlobo lokuba ehle aye kwelabafileyo ehleli, ze niqonde kakuhle ke ukuba aba bantu bamdelile uNdikhoyo.”

31. Wathi ke egqiba nje ukuthetha, suka waqhekeka umhlaba!

32. Bimbilili wabaginya ooDatan noAbhiram ndawonye nemizi yabo, ngokunjalo nabalandeli bakaKora nako konke ababenako.

Eyasentlango 16