27. Umfana othile wabaleka waya kuxelela uMosis ukuba uEldadi noMedade bayashumayela.
28. Ke yena uYoshuwa, unyana kaNune, owayelihlakani likaMosis kwasebutsheni bakhe, wabhekisa kuMosis wathi: “Banqande, nkosi yam, bangashumayeli!”
29. Koko ke yena uMosis waphendula wathi: “Ngaba uya ndikhweletela na? Ukuba bekuya ngam, uNdikhoyo nge-ebafaka uMoya wakhe bonke abantu bakhe, batsho babe ngabashumayeli bonke.”
30. Ke kaloku uMosis naloo mashumi asixhenxe eenkokheli bagoduka.
31. *UNdikhoyo wasuka wathumela umoya, wandulula izagwityi elwandle. Zafika zasingqonga isikhululo samaSirayeli, zibhabhazela phantsi kumphakamo omalunga nemitha enye. Zazininzi kangangokuba ubunokuhamba imini yonke ucanda phakathi kwazo.
32. Loo mini yonke ke, nobusuku bayo, nemini elandelayo, amaSirayeli aba zizingxada-ngxada eqokelela izagwityi. Nomntu owabutha kancinci akafumananga ngaphantsi kwewaka leekhilogram ubunzima. Ke inyama leyo ayeyiqwayita eyibeka ijikeleze izindlu zawo.
33. Kambe kwathi esayihlafuna inyama leyo, engekayigqibi, suka wavutha umsindo kaNdikhoyo, wawabetha ngobhubhani amaSirayeli.
34. Ngoko ke igama laloo ndawo kwathiwa yiKibroti-hatava, kuba bangcwatywa apho abantu ababebawela inyama.
35. Ukusuka apho ke amaSirayeli aya kugaleleka eHazeroti, apho afika anqumama khona.