1. Kwakhona ke ndathi ndakukhangela ndayibona ingcinezelo ekhoyo apha phantsi kwelanga.Awu, iinyembezi zabo bacinezelweyo;ibe ke kungekho namthuthuzeli!Ewe, akukho mntu ubathuthuzelayo,ibe ke bona abacinezeli baxhaswa ligunya.
2. Ndafumanisa ukuba abo bangasekhoyo, abasele befile kakade,bakwimeko engcono kunabo baphilayo, abasahleliyo nangoku.
3. Kambe ke oyena ukwimeko engcono ngulowo ungekabikho,engekayiboni le nkohlakalo yenziwayo apha phantsi kwelanga.
4. Ndafumanisa ukuba into eyenza abantu babulaleke bazabalaze kangaka kukuxhalela abamelwane. Kambe ke naleyo ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.
5. Isiyatha sisonga izandla,sizitshabalalise ngokwaso.