Amava Engqondi 3:14-22 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ndiyazi ukuba yonke into eyenziwa nguThixo iya kuhlala ihleli; akukho nto inokongezwa kuyo, kungekho nto inokususwa kuyo. UThixo uyakwenza oku ukuze ahlonelwe ngabantu.

15. Into ekhoyo ibiselikho kakade,nento eya kubakho ibikho ngaphambili.UThixo uyakubuyisela obekusele kudlule.

16. Ngaphezu koko ke ndifumanise ukuba apha phantsi kwelanga usuka ufumane inkohlakalo endaweni yokugweba ngokufanelekileyo, nditsho inkohlakalo endaweni yobulungisa.

17. Ndagqiba kwelithi: “UThixo uza kugweba bonke, abalungileyo nabakhohlakeleyo, kuba umise ixesha layo yonke imicimbi nazo zonke izenzo.”

18. Ndagqiba ngelithi: “UThixo uyaluvavanya uluntu, efuna ukuba luqonde ukuba alwahluke kuya phi ezilwanyaneni.

19. Kaloku isiphelo somntu siyafana nesesilwanyana. Ukufa kubabopha ngentambo enye ngokufanayo. Ewe, umoya mnye emntwini nasesilwanyaneni. Ke umntu akasidluli nganto isilwanyana. Yonke into ingamampunge.

20. Umntu ndawonye nesilwanyana baya ndaweni-nye; njengoko bephuma emhlabeni, babuyela kwasemhlabeni.

21. Ngubani owaziyo ukuba umoya womntu uyenyuka ubheke phezulu, ingubani owaziyo ukuba umoya wesilwanyana uyehla ubheke emhlabeni?”

22. Ke kaloku ndabona ukuba into emfaneleyo umntu kukwanela, axhamle imigudu yakhe, kuba kambe eso sisabelo sakhe. Kakade ngubani onokumbonisa oko kuza kwenzeka za sele engekho?

Amava Engqondi 3