2 Yookumkani 9:9-15 Ibhayibhile (XHO96)

9. Indlu ka-Ahabhi ndoyifanisa nendlu kaJerobhowam unyana kaNebhati, ibe njengendlu kaBhayesha unyana ka-Ahiya.

10. Ke yena uJezebhele uya kudliwa zizinja kweso siqithi somhlaba siseYizereli, kungabikho namntu uya kumngcwaba.’ ” Waza ke wavula umnyango, waphuma wabaleka.

11. Akuba ke uYehu ebuyele kwiingqwayi-ngqwayi zenkosi yakhe, enye yazo yabuza yathi: “Ngaba zime kakuhle na zonke izinto? Belifuna ntoni eli geza apha kuwe?”UYehu waphendula ngelithi: “Hayi, niyamazi lo mfo nezinto adla ngokuzithetha!”

12. Oogxa bakhe baphendula bathi: “Uyasiqhatha. Khawusixelele inyaniso; ubesithini?”UYehu wathi: “Hayi ke, nantsi into ayithethileyo: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndiyakuthambisa ukuze ube ngukumkani wakwaSirayeli.’ ”

13. Bakhawuleza ke bathatha iingubo zabo, bazandlala phantsi kwakhe apho esitupini. Baza bakhalisa isigodlo, bakhwaza bathi: “UYehu ngukumkani!”

14. Ke uYehu unyana kaYoshafati unyana kaNimshi wenzela uYoram iyelenqe. UYoram naye wonke uSirayeli babehlanganisela iRamoti yaseGiliyadi eyayihlaselwa nguHazayeli ukumkani wama-Aram,

15. kodwa ke uYoram wabuyela eYizereli, ukuze ade achache kuloo manxeba wayewafumene kuma-Aram kwelo dabi labo noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. UYehu wathi: “Ukuba siyavana sukuvumela mntu aphume apha esixekweni aye kuxela iindaba eYizereli.”

2 Yookumkani 9