2 Yookumkani 9:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. *Umshumayeli uElisha wabiza omnye weqela labashumayeli, wathi kuye: “Finyeza iingubo zakho, uthathe eli qhaga linamafutha omnquma, uye eRamoti yaseGiliyadi.

2. Wakufika khona uze ukhangele uYehu unyana kaYoshafati unyana kaNimshi. Uze umthathe umke naye koogxa bakhe, ningene kwelona gumbi likude ngaphakathi.

3. Nakuba nilapho ke uze uthathe eli qhaga lamafutha omnquma, umthambise umgalele ngawo entloko, uthi: ‘Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Ndiyakuthambisa ukuze ube ngukumkani wakwaSirayeli.’ Wakugqiba ke, vula umnyango, ubaleke umke ngokukhawuleza.”

4. Ngoko ke loo mfana ungumshumayeli waya eRamoti yaseGiliyadi.

5. Efikile ke khona wafumana iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zihleli ndawonye. Wathi: “Ndinomyalezo wakho, njengele!”UYehu wabuza wathi: “Uxela bani kanye?”Ke yena waphendula wathi: “Nditsho wena, njengele.”

6. UYehu waphakama, wangena endlwini. Ke yena umshumayeli lowo wathatha iqhaga elo, wagalela uYehu ngamafutha entloko, wathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndiyakuthambisa ukuba ube ngukumkani wosapho lukaNdikhoyo, uSirayeli.

7. Uyabona ke, uze uyitshabalalise indlu ka-Ahabhi, inkosi yakho; mna ke ndiya kuliphindezela igazi lezicaka zam abashumayeli, ndawonye nalo lonke igazi lezicaka zikaNdikhoyo elaphalazwa nguJezebhele.

8. Xa iyonke indlu ka-Ahabhi iya kutshabalala. Ndiza kuyinqamla kwa-Ahabhi yonke into eliduna, nditsho ophezulu nophantsi kwaSirayeli.

9. Indlu ka-Ahabhi ndoyifanisa nendlu kaJerobhowam unyana kaNebhati, ibe njengendlu kaBhayesha unyana ka-Ahiya.

10. Ke yena uJezebhele uya kudliwa zizinja kweso siqithi somhlaba siseYizereli, kungabikho namntu uya kumngcwaba.’ ” Waza ke wavula umnyango, waphuma wabaleka.

11. Akuba ke uYehu ebuyele kwiingqwayi-ngqwayi zenkosi yakhe, enye yazo yabuza yathi: “Ngaba zime kakuhle na zonke izinto? Belifuna ntoni eli geza apha kuwe?”UYehu waphendula ngelithi: “Hayi, niyamazi lo mfo nezinto adla ngokuzithetha!”

12. Oogxa bakhe baphendula bathi: “Uyasiqhatha. Khawusixelele inyaniso; ubesithini?”UYehu wathi: “Hayi ke, nantsi into ayithethileyo: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndiyakuthambisa ukuze ube ngukumkani wakwaSirayeli.’ ”

2 Yookumkani 9