12. “Ngani ukuba ulile, nkosi yam?” ubuzile uHazayeli.“Ndililiswa kukuqonda umonakalo oya kuwenza kumaSirayeli,” uphendule watsho uElisha. “Ewe, wena uya kuzitshisa iinqaba zawo, abafana ubangenele ngekrele, uze abantwana ubaqhumze emhlabeni, ke bona abafazi abakhulelweyo ubagrabhuze.”
13. UHazayeli uphendule wathi: “Kuxa ndingubani, ndiyinja nje, ukuba ndide ndenze into enjalo?”UElisha waphendula wathi: “UNdikhoyo undityhilele ukuba wena uza kuba ngukumkani wakwa-Aram.”
14. UHazayeli wamshiya uElisha, wagoduka waya enkosini yakhe. Akubuza ke uBhenadadi ukuba uthini na uElisha, uHazayeli wathi: “Uthi uza kuphila.”
15. Kambe ke ngemini elandelayo uHazayeli wathatha ilaphu, walifaka emanzini, waza wafuthanisela ukumkani lowo wada wafa. Akuba efile ke, uHazayeli waba ngukumkani endaweni yakhe.
16. Ke kaloku ngonyaka wesihlanu uYoram unyana ka-Ahabhi engukumkani wakwaSirayeli, uYehoram unyana kaYoshafati ukumkani wakwaSirayeli waqalisa ukulawula kwaJuda.
17. Wayeneminyaka emashumi mathathu anambini ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke walawula eJerusalem iminyaka yasibhozo.
18. Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wenza njengendlu ka-Ahabhi. Kaloku wayethathe intombi yakhe. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo.
19. Kambe ke, ngenxa yesicaka sakhe uDavide, uNdikhoyo akamtshabalalisanga uJuda. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.
20. Ke ngexesha likaYehoram iEdom yamvukela uJuda, yazimisela owayo ukumkani.