15. Sithe ke sakuvuka isicaka somfo wakwaThixo, ekuseni ngentsasa elandelayo, sabona kuthe thinte umkhosi, ingamahashe neenqwelo, isixeko usingqingile. Isicaka sathi kuye: “Yaz'ba siya kuthini na, nkosi yam?”
16. Ke yena umshumayeli wathi: “Hayi, musa ukoyika! Aba bangakuthi baninzi kunabo bangakubo.”
17. UElisha wathandaza wathi: “Ndikhoyo, khawuwavule amehlo akhe, ukuze abone.” UNdikhoyo ke wawavula amehlo esicaka eso, saza sathi sakukhangela sabona intaba inyakazela ngamahashe neenqwelo zomlilo, ziphahle uElisha.
18. Luthe xa luhlayo utshaba olo lusiza ngakuElisha, suka yena wathandaza kuNdikhoyo wathi: “Khawubethe aba bantu ngobumfama.”UNdikhoyo ke wabatsho baziimfama ngokwesicelo sikaElisha.
19. UElisha wathi kubo: “Ayisiso esi sixeko nisifunayo esi, ingeyiyo nendlela eya kuso le! Landelani mna, ndinise kuloo mntu nimfunayo.” Waza ke wabakhokelela eSamariya.
20. Bathe ke bakungena esixekweni, uElisha wathi: “Ndikhoyo, wavule amehlo aba bantu, babone.” Wawavula ke uNdikhoyo amehlo abo, bazibona ke ukuba baphakathi eSamariya.
21. Akubabona ukumkani wakwaSirayeli, wabuza kuElisha wathi: “Ndingabinza na, bawo? Uthini, uthi mandibabulale?”
22. Waphendula wathi uElisha: “Hayi, sukubabulala! Kaloku ukuba ububathimbe ngekrele nesaphetha ngewungababulali. Banike ukutya namanzi, batye basele, bagoduke baye enkosini yabo.”