12. Kanti, ngaba akukho mlambo ngoku eDamasko? Ziye phi iAbhana neFarpare, imilambo yokwenyani edlula nawuphi na okwaSirayeli? Bendingehlambi khona ndihlambuluke?” Wajika, wahamba enomsindo.
13. Ke zona izicaka zikaNahaman zaya kuye, zathi: “Nkosi, ukuba umshumayeli lowa ebethe yenza into enkulu kunale, ngaba ubungayi kuyenza na? Kukangakanani ke, nkosi, xa yena esithi: ‘Hlamba ukuze uhlambuluke’!”
14. Ngoko ke uNahaman wehla waya eJordan, wafika wantywila khona kasixhenxe ngokwelizwi awayelixelelwe ngumfo wakwaThixo. Ngenene ke ulusu lwakhe lwahlaziyeka lwahlambuluka lwaba njengolomntwana.
15. Ke kaloku uNahaman namaphakathi akhe lawo onke babuyela kumfo wakwaThixo. Wema phambi kwakhe wathi: “Ngoku ndiyaqonda ukuba akukho Thixo wumbi ehlabathini liphela ngaphandle kwalowo wakwaSirayeli! Ngoko ke nceda wamkele nasi isipho osinikwa sisicaka sakho!”
16. Ke umshumayeli waphendula wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, lo ndimkhonzayo, andisayi kwamkela nento le!” Ewe, wala kwaphela, nakuba wazamayo ukumcenga uNahaman.
17. UNahaman waqhuba wenjenje: “Xa ke ungavumi ke, nkosi yam, mna ke ndiyakubongoza, mna sicaka sakho, mandiphiwe umhlaba ongumthwalo olingene iimeyile ezimbini, kuba kaloku mna sicaka sakho andisoze ndiphinde nditshise madini, ndenze naminikelo kuthixo ongomnye ngaphandle koNdikhoyo.
18. Kodwa ke uNdikhoyo makandixolele mna sicaka sakho, ngenxa yale ndawo: kaloku kuza kuthi xa inkosi yam ingena kwisibingelelo sikaRimon, isiya kunqula khona, ide ibambelele nakule ngalo yam, nam kofuneka ndikhahlele. Ewe, into endiyicelayo kukuba ndithi xa ndinqula apho esibingelelweni sikaRimon, uNdikhoyo andixolele mna sicaka sakho ngaloo nto.”
19. UElisha wathi kuye: “Hamba ngoxolo!”Emzuzwini, uNahaman selehambe umgama othile,
20. uGehazi ihlakani likaElisha, umfo wakwaThixo, wathetha yedwa wathi: “Hayi khona, inkosi yam le ide yagabadela ukumlungiselela oku lo mAram unguNahaman. Ingathini ukude ingathathi nomrhumo aze nawo lo? Hayi, suka; ekho nje uNdikhoyo, ndiza kumsukela, ukuze ndibe nento endiyifumanayo kuye!”
21. Waxhabasha ke uGehazi emva koNahaman. Uthe uNahaman akumbona ebaleka esiza ngakuye, suka wehla enqwelweni yakhe wamhlangabeza. Wabuza wathi: “Ngaba akukho nto yonakeleyo na kodwa?”
22. UGehazi uphendule wathi: “Hayi, akukho monakalo. Nto nje inkosi yam indithumile isithi: ‘Kukho bafana babini beqela labashumayeli abakhov' ukufika, bephuma kweleentaba lakwaEfrayim. Ngoko ke nceda ubaphe amawaka amathathu esiliva nezambatho ezibini zokutshintsha.’ ”
23. UNahaman waphendula esithi: “Ewe, kukuwe; ungawafumana amawaka amathandathu esiliva.” Wacenga ke esithi uGehazi makawamkele, waza ke loo siliva wayifaka kwiingxowa ezimbini, wamnika nezo zambatho zibini zokutshintsha. Ke uNahaman loo mthwalo wawunikela kwizicaka ezibini, zamandulela uGehazi ziwuphethe.