1. Ke kaloku uNahaman wayeyinjengele yomkhosi wokumkani wakwa-Aram. Yayingumfo ohlonitshwayo noxatyisiweyo nayinkosi yakhe. Kaloku kwakungaye lowo ukuze *uNdikhoyo awaphe uloyiso ama-Aram. Wayelikroti lomfo, nto nje eneqhenqa.
2. Ke iqela elithile lama-Aram laphuma lahlasela uSirayeli, laza lathimba ntombazana ithile, yaza ke yaya kusebenzela umka-Nahaman.
3. Ke yona yathi apho kuloo mfazi: “Akwaba inkosi yam le ibingabonana *nomshumayeli okweliya laseSamariya! Ebengayiphilisayo kweli qhenqa layo.”
4. UNahaman waya enkosini yakhe, wayibikela oko kuthethwe yintombazana yakwaSirayeli.
5. Ke ukumkani wakwa-Aram wathi: “Kulungile, ungaya; ndokuphathisa neleta eya kukumkani wakwaSirayeli.” Wanduluka ke ngoko uNahaman ephethe amashumi amathathu amawaka esiliva, nesithandatu samawaka egolide, kunye neshumi lezambatho zokutshintsha ezenziwe ngelaphu elihle kunene.
6. Loo leta wayisayo kukumkani wakwaSirayeli yayisithi: “Le leta ipheleka iphakathi lam uNahaman, endimthumela kuwe, khon' ukuze umnyange kwelo qhenqa lakhe.”
7. Uthe ke asakuyifunda loo leta ukumkani wakwaSirayeli, suka wazikrazula izambatho zakhe esithi: “Ngaba ndinguThixo ngoku? Ndingabulala kakade, okanye ndiphilise? Ngani ke ukuba lo mfo andithumelele umntu ekufuneka anyangwe iqhenqa? Kucacile ukuba lo mfo uzama ukuqhwaya udushe!”
8. Ke uElisha umfo wakwaThixo uthe akuva ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule izambatho zakhe, wathumela kuye esithi: “Ngani ukuba ude ukrazule izambatho zakho? Loo mntu mthumele apha kum; uya kutsho aqonde ukuba ukho umshumayeli kwaSirayeli.”
9. Ngoko ke uNahaman wahamba naloo mahashe, nezo nqwelo zakhe, waya kuma esangweni kwamshumayeli uElisha.
10. UElisha wamthumelela isigidimi esithi: “Yiya emlanjeni iJordan, uhlambe kasixhenxe. Ulusu lwakho lobuyela kwimo yalo yangaphambili, uhlambuluke.”
11. Kambe ke uNahaman wemka apho egqusha ngumsindo, esithi: “Mna bendicinga ukuba lo mfo uya kuphuma eze kum, akhe eme anqule igama likaNdikhoyo uThixo wakhe, futhi akhe awangawangise nangesandla kule ndawo, ukuze ke ndinyangeke.