Ke ukumkani wakwa-Aram wathi: “Kulungile, ungaya; ndokuphathisa neleta eya kukumkani wakwaSirayeli.” Wanduluka ke ngoko uNahaman ephethe amashumi amathathu amawaka esiliva, nesithandatu samawaka egolide, kunye neshumi lezambatho zokutshintsha ezenziwe ngelaphu elihle kunene.