37. Wangena ke, wavova, waguqa emhlabeni. Waza ke wasuka wamthatha unyana wakhe lowo, waphuma.
38. Ke uElisha wabuyela eGiligali. Ngelo thuba kwakukho imbalela kuloo ngingqi. Ke kaloku iqela labashumayeli lalihleli phambi kwakhe, waza wathi kwihlakani lakhe: “Thatha imbiza enkulu, uphekele aba bashumayeli isityu.”
39. Omnye wâbo bashumayeli waphuma, waya emasimini, wafika waqokelela amathangazana. Wawaqokelela wawaqushula ngesondo lengubo yakhe. Akubuya ke wawanqunqela kuloo mbiza yesityu, nakuba kwakungekho mntu uwaziyo into ayiyo.
40. Isityu eso ke saphakwa sanikwa loo madoda, kodwa ke athe xa aqalayo ukutya akhala athi: “Mfo wakwaThixo, ukufa kusembizeni!” Akaba nako ke ukusitya esi sityu.