2 Yookumkani 17:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngonyaka weshumi elinambini uAhazi engukumkani wakwaJuda wangena embusweni uHosheya, unyana kaEla, waba ngukumkani kwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elithoba.

2. WĂȘnza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kambe ke noko akafananga nookumkani bakwaSirayeli ababemandulele.

3. Ke uShalmanesere ukumkani waseAsiriya wahlasela uHosheya owayekade ephantsi kwakhe emnika imirhumo.

4. Ukumkani waseAsiriya wafumanisa ukuba uHosheya umgwilikele, kuba wayethumele oonozaku-zaku kukumkani waseJiputa onguSo, futhi ke engasayikhuphi imirhumo awayefudula eyikhupha minyaka le. Ngoko ke uShalmanesere wambamba wamvalela entolongweni uHosheya.

5. Ewe, ukumkani waseAsiriya wahlasela elo lizwe liphela; ke yona iSamariya wayingqinga iminyaka emithathu.

6. Kuthe ke kunyaka wethoba elawula uHosheya, suka ukumkani waseAsiriya wayoyisa iSamariya, waza amaSirayeli lawo wawafudusela eAsiriya. Wawahlalisa eHala nakwiGozan ephezu komlambo iHabhore, ngokunjalo nakwiidolophu zamaMedi.

7. Le ntlekele ke yamhlela uSirayeli kuba emonile *uNdikhoyo uThixo wakhe owaya kumkhuphulula wamkhulula eJiputa phantsi kwesandla esingqongqo sokumkani wakhona. Basuka banqula thixo bambi,

8. balandela imikhwa yeentlanga awazigxothayo *uNdikhoyo, waza wafaka amaSirayeli emhlabeni wazo. Kananjalo bangena kwimikhwa eyangeniswa ngookumkani bakwaSirayeli.

2 Yookumkani 17