2 Yookumkani 17:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngonyaka weshumi elinambini uAhazi engukumkani wakwaJuda wangena embusweni uHosheya, unyana kaEla, waba ngukumkani kwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elithoba.

2. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kambe ke noko akafananga nookumkani bakwaSirayeli ababemandulele.

3. Ke uShalmanesere ukumkani waseAsiriya wahlasela uHosheya owayekade ephantsi kwakhe emnika imirhumo.

4. Ukumkani waseAsiriya wafumanisa ukuba uHosheya umgwilikele, kuba wayethumele oonozaku-zaku kukumkani waseJiputa onguSo, futhi ke engasayikhuphi imirhumo awayefudula eyikhupha minyaka le. Ngoko ke uShalmanesere wambamba wamvalela entolongweni uHosheya.

5. Ewe, ukumkani waseAsiriya wahlasela elo lizwe liphela; ke yona iSamariya wayingqinga iminyaka emithathu.

6. Kuthe ke kunyaka wethoba elawula uHosheya, suka ukumkani waseAsiriya wayoyisa iSamariya, waza amaSirayeli lawo wawafudusela eAsiriya. Wawahlalisa eHala nakwiGozan ephezu komlambo iHabhore, ngokunjalo nakwiidolophu zamaMedi.

7. Le ntlekele ke yamhlela uSirayeli kuba emonile *uNdikhoyo uThixo wakhe owaya kumkhuphulula wamkhulula eJiputa phantsi kwesandla esingqongqo sokumkani wakhona. Basuka banqula thixo bambi,

8. balandela imikhwa yeentlanga awazigxothayo *uNdikhoyo, waza wafaka amaSirayeli emhlabeni wazo. Kananjalo bangena kwimikhwa eyangeniswa ngookumkani bakwaSirayeli.

9. AmaSirayeli anyebelezela enza izinto ezichaseneyo noNdikhoyo uThixo wawo, zinto ezo wayengazifuni. Azakhela iindawo zonqulo kuzo zonke iidolophu, ukusukela kwimboniselo yabalindi kuye kutsho kwizixeko ezinqatyisiweyo.

10. Amisa iintsika zamatye kunye nemifanekiso ka-Ashera kuzo zonke iinduli naphantsi kwayo yonke imithi efukufuku.

11. AmaSirayeli ayesenza iziqhumiso kuzo zonke iinduli zawo zonqulo, mkhwa lowo ke wawusenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo phambi kokuba afake amaSirayeli khona. Ewe, ayesenza izinto azichasileyo uNdikhoyo; ngaloo ndlela ke awuxhokonxa umsindo wakhe.

12. Ewe, ayenqula *izithixo, nangona uNdikhoyo wayethe: “Ze ningayenzi into enjalo.”

13. Kaloku uNdikhoyo wayemlumkisile uSirayeli ndawonye noJuda, ethetha nabo ngabashumayeli bakhe neemboni, esithi: “Buyani kwiindlela zenu ezikhohlakeleyo. Yithobeleni imithetho ndawonye nemimiselo yam. Ziphatheni ngokwezimiso zomthetho xa uwonke, ngokwelizwi endalimisela ooyihlo ndathi mabalithobele, ndabuya ndalithetha nakuni ngabashumayeli abazizicaka zam.”

14. Kambe ke amaSirayeli asuka akaphulaphula, koko ankaniza njengooyise ábâsuka àbakholosa ngoNdikhoyo uThixo wabo.

2 Yookumkani 17