2 Yookumkani 14:15-28 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehowashe, imisebenzi nemizabalazo yakhe ndawonye nemfazwe yakhe noAmaziya ukumkani wakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

16. UYehowashe waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya phakathi kookumkani bakwaSirayeli. UJerobhowam unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.

17. Ke uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda wahlala iminyaka elishumi elinesihlanu emva kokufa kukaYehowashe unyana kaYowahazi ukumkani wakwaSirayeli.

18. Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Amaziya, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

19. Bamenzela iyelenqe eJerusalem, waza wabalekela eLakishe, kodwa bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulala khona.

20. Wabuyiswa ngehashe, waza wangcwatyelwa eJerusalem phakathi kooyise kwisixeko sikaDavide.

21. Ke amaJuda xa ewonke athatha uAzariya, ambeka wangukumkani esikhundleni sikayise uAmaziya. UAzariya lo ke wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ezelwe.

22. Nguye owayakhayo ngokutsha iElati, waza wayibuyisela kuJuda emva kokusweleka kuka-Amaziya.

23. Kwathi ngonyaka weshumi elinesihlanu elawula uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda, uJerobhowam unyana kaYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waba ngukumkani eSamariya, waza walawula iminyaka emashumi mane ananye.

24. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba akashenxanga nakwesinye kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo.

25. Nguye owabuyisela imida yelakwaSirayeli ukusukela kwinkalo yeHamati ukuya kuLwandle oluFileyo, ngokwelizwi likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli elo walithetha ngesicaka sakhe uJona unyana ka-Amitayi umshumayeli waseGati-hefere.

26. Ke kaloku uNdikhoyo wabubona ubuhlungu awayekubo amaSirayeli ephela, akhululekileyo namakhoboka. Ewe, ayebandezelekile kungekho bani wokuwasiza.

27. Ukanti ke uNdikhoyo wayengatshongo ukuba uya kulibhangisa kuphele igama likaSirayeli ehlabathini, ngoko ke wamhlangula uSirayeli ngesandla sikaJerobhowam unyana kaYehowashe.

28. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaJerobhowam nemisebenzi nemizabalazo yakhe kwezemfazwe, ndawonye nendlela awayibuyisela kuSirayeli ngayo iDamasko neHamati, ndawo ezo yayizezakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

2 Yookumkani 14