2 Yookumkani 13:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ke uYowahazi wakhala kuNdikhoyo, waza ke yena wamphulaphula, kuba wayekubona ukuphatheka kabuhlungu kukaSirayeli phantsi kwesandla sokumkani wakwa-Aram.

5. UNdikhoyo wamnika umhlanguli uSirayeli, waza ke waphuncula kweso sandla sama-Aram. USirayeli ke wabuya wadla ngendeb' endala njengangaphambili.

6. Kodwa ke akahlukananga nezono zendlu kaJerobhowam, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo; ewe, waqhubela phambili ukuzenza. Nentsika ka-Ashera yasala isamile apho eSamariya.

7. Ke wona umkhosi kaYowahazi wavuthuluka waphela kwasala amadoda amahashe angamashumi amahlanu, ishumi leenqwelo, neshumi lamawaka lamajoni eenyawo. Kaloku ukumkani wakwa-Aram watshabalalisa konke, washiya kuxusheke ngathi luthuli lexa lokubhula.

8. Ke zona ezinye zeziganeko zolawulo lukaYowahazi, imisebenzi nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

9. UYowahazi waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uYehowashe.

10. Ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe kakumkani uYowashe wakwaJuda, uYehowashe unyana kaYowahazi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elishumi elinesithandathu.

2 Yookumkani 13