2 Yookumkani 13:13-20 Ibhayibhile (XHO96)

13. UYehowashe waya kuphumla kooyise, esikhundleni sakhe kwangena uJerobhowam. UYehowashe wangcwatyelwa eSamariya phakathi kookumkani bakwaSirayeli.

14. Ngoku ke uElisha wayegula engazi kuphila. UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waya kumbona, wamlilela esithi: “Tata wam! Tata wam! Nâzo iinqwelo zabamahashe bakwaSirayeli!”

15. UElisha wathi kuye: “Yiza neentolo nesaphetha.” Weza nazo ke,

16. waza uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Thatha isaphetha sibe sesandleni sakho.” Akusithatha ke, uElisha wabeka izandla zakhe phezu kwezo zokumkani, wathi:

17. “Vula ifestile engasempumalanga.” Watsho eyivula ukumkani, waza uElisha wathi: “Dubula!” Wadubula ke ukumkani, uElisha wathi: “Nâlo utolo lukaNdikhoyo loloyiso, utolo lokoyisa ama-Aram! Uya kuwoyisa uwatshabalalise ama-Aram eAfeki.”

18. Wabuya ke wathi: “Zithathe ezi ntolo.” Waza wazithatha ke ukumkani. UElisha wathi kuye: “Betha ngazo umhlaba.” Wabetha kathathu, wapheza.

19. Ke umfo wakwaThixo wakhathazeka, wathi: “Ngewubethe kahlanu okanye kathandathu, ukuze ube uloyise walitshabalalisa mpela elakwa-Aram. Ngoku uya kuyoyisa kathathu kuphela.”

20. UElisha wasweleka, waza ke wangcwatywa.Ke amaMowabhi ayedla ngokulihlasela elo lizwe ukuthwasa konyaka.

2 Yookumkani 13