13. UYehowashe waya kuphumla kooyise, esikhundleni sakhe kwangena uJerobhowam. UYehowashe wangcwatyelwa eSamariya phakathi kookumkani bakwaSirayeli.
14. Ngoku ke uElisha wayegula engazi kuphila. UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waya kumbona, wamlilela esithi: “Tata wam! Tata wam! Nâzo iinqwelo zabamahashe bakwaSirayeli!”
15. UElisha wathi kuye: “Yiza neentolo nesaphetha.” Weza nazo ke,
16. waza uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Thatha isaphetha sibe sesandleni sakho.” Akusithatha ke, uElisha wabeka izandla zakhe phezu kwezo zokumkani, wathi:
17. “Vula ifestile engasempumalanga.” Watsho eyivula ukumkani, waza uElisha wathi: “Dubula!” Wadubula ke ukumkani, uElisha wathi: “Nâlo utolo lukaNdikhoyo loloyiso, utolo lokoyisa ama-Aram! Uya kuwoyisa uwatshabalalise ama-Aram eAfeki.”
18. Wabuya ke wathi: “Zithathe ezi ntolo.” Waza wazithatha ke ukumkani. UElisha wathi kuye: “Betha ngazo umhlaba.” Wabetha kathathu, wapheza.
19. Ke umfo wakwaThixo wakhathazeka, wathi: “Ngewubethe kahlanu okanye kathandathu, ukuze ube uloyise walitshabalalisa mpela elakwa-Aram. Ngoku uya kuyoyisa kathathu kuphela.”
20. UElisha wasweleka, waza ke wangcwatywa.Ke amaMowabhi ayedla ngokulihlasela elo lizwe ukuthwasa konyaka.