2 Yookumkani 13:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngonyaka wamashumi amabini anantathu engukumkani uYowashe unyana ka-Ahaziya ukumkani wakwaJuda, uYowahazi unyana kaYehu waba ngukumkani kwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe.

2. WĂȘnza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lezono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela uSirayeli kuzo; ewe, yena wathi nca kuzo.

3. Ngoko ke umsindo kaNdikhoyo wavutha ngakuSirayeli. Kwaba lixesha elide emyekele phantsi kwesandla sikaHazayeli, ukumkani wakwa-Aram, ndawonye nonyana wakhe uBhenadadi.

4. Ke uYowahazi wakhala kuNdikhoyo, waza ke yena wamphulaphula, kuba wayekubona ukuphatheka kabuhlungu kukaSirayeli phantsi kwesandla sokumkani wakwa-Aram.

5. UNdikhoyo wamnika umhlanguli uSirayeli, waza ke waphuncula kweso sandla sama-Aram. USirayeli ke wabuya wadla ngendeb' endala njengangaphambili.

6. Kodwa ke akahlukananga nezono zendlu kaJerobhowam, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo; ewe, waqhubela phambili ukuzenza. Nentsika ka-Ashera yasala isamile apho eSamariya.

2 Yookumkani 13