2 Yookumkani 12:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. Yayisithi yakuba sisixa imali leyo apho kuloo tyesana, unobhala wasebhotwe kunye nombingeleli omkhulu beze bayibale imali ezisiweyo endlwini kaNdikhoyo, baze bayifake ezingxoweni.

11. Ithe ke imali yakuba sisixa esithile, bayithatha bayinikela kwabo babemiselwe ukongamela umsebenzi wendlu kaThixo. Ngayo ke bahlawula abo babesebenza endlwini kaNdikhoyo, abachweli, nabakhi,

12. nabavusi beendonga, nabakroli bamatye. Bathenga imithi namatye ahonjisiweyo okulungisa indlu kaNdikhoyo, bahlawula zonke iindleko zokuhlaziya indlu kaThixo.

13. Le mali yayiziswe endlwini kaThixo ke ayichithwanga ekwenzeni izitya zesiliva, izikhwezeli, izitya zokutshiza, amaxilongo, nayo nayiphi na into yendlu kaNdikhoyo eyenziwe ngegolide okanye isiliva,

14. koko ngayo kwahlawula abasebenzi, baza bahlaziya indlu kaThixo ngayo.

15. Zange bafune nkcukacha kwabo babebanikela ukuba bahlawule abasebenzi, kuba babesebenza ngokunyaniseka.

16. Ke yona imali yeminikelo yobutyala neyamadini esono yayingeziswa endlwini kaNdikhoyo, kuba yayiyeyababingeleli.

17. Ngeli thuba ke ukumkani wakwa-Aram uHazayeli wahlasela iGati wayithimba. Wabuya ke wahlasela neJerusalem.

18. Kambe ke ukumkani uYowashe wakwaJuda wazithatha zonke izinto ezingcwele ezazinikelwe ngooyise – uYoshafati noYehoram noAhaziya, ookumkani bakwaJuda – kunye nezipho ezazinikelwe nguye ngokwakhe, nayo yonke igolide eyafumaneka koovimba bendlu kaNdikhoyo, naleyo yasebhotwe, waza wazithumela kukumkani uHazayeli wakwa-Aram, owathi ke akuzifumana warhoxa eJerusalem.

19. Ezinye ke iziganeko zolawulo lukaYowashe, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

20. Amaphakathi akhe amenzela iyelenqe, ambulala eBhete-milo kwindlela eya eSila.

2 Yookumkani 12