2 Yookumkani 10:6-17 Ibhayibhile (XHO96)

6. Wababhalela eyesibini incwadi uYehu, esithi: “Kaloku xa ningakum, nizimisele ukundithobela, banqumleni iintloko oonyana benkosi yenu, nize nazo, sibonane eYizereli ngomso ngeli xesha.”Amatshawe lawo ke ayengamashumi asixhenxe ekumadoda aziinkokheli zesixeko awayewakhulisa.

7. Ithe ke yakufika loo leta amadoda lawo awathatha onke loo matshawe angamashumi asixhenxe awabulala. Iintloko zawo azifaka ezibhaskitini, azithumela kuYehu eYizereli.

8. Isigidimi eso ke safika samxelela uYehu sathi: “Nazi, bazizisile iintloko zamatshawe.”UYehu wayalela wathi: “Zibekeni zibe ziinqumba ezimbini phaya esangweni lesixeko kude kube ngomso kusasa.”

9. Ngentsasa elandelayo ke uYehu waphuma, wema phambi kwabo bonke abantu, wathi: “Aninatyala; ndim lo oyenzele iyelenqe inkosi yenu, ndayibulala; kambe ke, ngubani lo ubulele aba?

10. Yazini ke kodwa ukuba akukho nalinye ilizwi elathethwa *nguNdikhoyo ngendlu ka-Ahabhi eliya kulambatha. UNdikhoyo ukwenzile konke awakuthethayo ngesicaka sakhe uEliya.”

11. Ke uYehu wabulala wonke umntu apho eYizereli owayesasele engowendlu ka-Ahabhi, kananjalo nezibonda zakhe, izihlobo nababingeleli bakhe, akashiya nempunde le.

12. UYehu ke waphuma waya ngaseSamariya. EBhete-ekede yabelusi

13. wadibana nezizalwana zikakumkani uAhaziya wakwaJuda, wabuza wathi: “Ningoobani?”Zaphendula zathi: “Sizizizalwana zika-Ahaziya. Size kubona indlu kakumkani kunye nonina wekumkanikazi.”

14. Waza wathi: “Babambeni besaphila!” Bababamba ke, bababulala ngakwiqula laseBhete-ekedi. Yayingamashumi amane amadoda; akasindisanga nalo mnye umntu.

15. Akudlula apho wadibana noYonadabhi unyana kaRekabhi owayehlangabeza yena. UYehu wambulisa wathi: “Ngaba nawe ungakum kwanjengokuba nam ndingakuwe?”UYonadabhi waphendula wathi: “Ewe, kunjalo.”UYehu wathi: “Xa kunjalo, ethe isandla.” Wenjenjalo ke, waza ke uYehu wamkhwelisa apho enqwelweni yakhe.

16. UYehu wathi: “Yiza uze kubona ukumzondelela kwam uNdikhoyo.” Baza ke bahamba kunye ngenqwelo leyo.

17. Akufika eSamariya uYehu wabulala bonke ababesele bendlu ka-Ahabhi, wabatshabalalisa mpela ngokwelizwi elathethwa *nguNdikhoyo kuEliya.

2 Yookumkani 10