2 Yookumkani 10:21-28 Ibhayibhile (XHO96)

21. Waza ke wathumela umyalezo kuSirayeli ephela, nakubo bonke abanqula uBhali, ukuze bangaphoswa. Ewe, beza xa bebonke. Baqokelelana ke apho esibingelelweni sikaBhali, satsho sazala sema ngeembambo.

22. UYehu wathi kumgcini wegumbi lezambatho: “Bonke abanquli bakaBhali banike izambatho.” Weza nazo ke ezo zambatho.

23. Ke uYehu kunye noYonadabhi, unyana kaRekabhi, bangena apho esibingelelweni sikaBhali. UYehu wathetha nabanquli bakaBhali wathi: “Khangelani kungathi kanti apha kukho nezicaka zikaNdikhoyo; kuphela mayibe ngabo banqula uBhali.”

24. Bangena ke, benza iminikelo namadini atshiswayo. Ngoku ke uYehu wayemise amadoda angamashumi asibhozo ngaphandle, wathi: “Umntu okhe wabayeka baphuncula aba bantu ndininika bona, uya kubuyekeza ngobomi bakhe.”

25. Akugqiba ukwenza amadini atshiswayo uYehu wayalela abalindi namagosa, wathi: “Ngenani nibulale konke, kungasali nomnye.” Ngoko ke babanqumla bonke ngekrele. Abalindi namagosa lawo ayiphosa ngaphandle imizimba, wona angena kumagumbi angaphakathi eso sibingelelo sikaBhali.

26. Bazikhupha apho esibingelelweni sikaBhali iintsika ezingcwele, baza bazitshisa.

27. Balitshabalalisa ilitye likaBhali, basiqhaqha isibingelelo sakhe, satsho sayindawo ekuyiwa kuyo ngasese unanamhla.

28. Ngoko ke uYehu walubhangisa unqulo lukaBhali kwaSirayeli.

2 Yookumkani 10