Akugqiba ukwenza amadini atshiswayo uYehu wayalela abalindi namagosa, wathi: “Ngenani nibulale konke, kungasali nomnye.” Ngoko ke babanqumla bonke ngekrele. Abalindi namagosa lawo ayiphosa ngaphandle imizimba, wona angena kumagumbi angaphakathi eso sibingelelo sikaBhali.