2 Yookumkani 10:10-17 Ibhayibhile (XHO96)

10. Yazini ke kodwa ukuba akukho nalinye ilizwi elathethwa *nguNdikhoyo ngendlu ka-Ahabhi eliya kulambatha. UNdikhoyo ukwenzile konke awakuthethayo ngesicaka sakhe uEliya.”

11. Ke uYehu wabulala wonke umntu apho eYizereli owayesasele engowendlu ka-Ahabhi, kananjalo nezibonda zakhe, izihlobo nababingeleli bakhe, akashiya nempunde le.

12. UYehu ke waphuma waya ngaseSamariya. EBhete-ekede yabelusi

13. wadibana nezizalwana zikakumkani uAhaziya wakwaJuda, wabuza wathi: “Ningoobani?”Zaphendula zathi: “Sizizizalwana zika-Ahaziya. Size kubona indlu kakumkani kunye nonina wekumkanikazi.”

14. Waza wathi: “Babambeni besaphila!” Bababamba ke, bababulala ngakwiqula laseBhete-ekedi. Yayingamashumi amane amadoda; akasindisanga nalo mnye umntu.

15. Akudlula apho wadibana noYonadabhi unyana kaRekabhi owayehlangabeza yena. UYehu wambulisa wathi: “Ngaba nawe ungakum kwanjengokuba nam ndingakuwe?”UYonadabhi waphendula wathi: “Ewe, kunjalo.”UYehu wathi: “Xa kunjalo, ethe isandla.” Wenjenjalo ke, waza ke uYehu wamkhwelisa apho enqwelweni yakhe.

16. UYehu wathi: “Yiza uze kubona ukumzondelela kwam uNdikhoyo.” Baza ke bahamba kunye ngenqwelo leyo.

17. Akufika eSamariya uYehu wabulala bonke ababesele bendlu ka-Ahabhi, wabatshabalalisa mpela ngokwelizwi elathethwa *nguNdikhoyo kuEliya.

2 Yookumkani 10