2 Yeziganeko 36:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke abantu belizwe bathatha unyana kaJosiya, uYowahazi bammisela esikhundleni sikayise, wangukumkani eJerusalem.

2. UYowahazi wangena ekulawuleni eneminyaka emashumi mabini anantathu, waza ke wangukumkani eJerusalem iinyanga ezintathu.

3. Ukumkani waseJiputa wamkhiqa eJerusalem, waza uJuda wamrhafisa isiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane, kunye negolide ebunzima buziikhilogram ezingamashumi amathathu anamakhulu amane.

4. Ukumkani waseJiputa lowo wamisela umntakwabo-Yowahazi uEliyakim wangukumkani wakwaJuda naseJerusalem, waza waliguqula igama likaEliyakim wathi nguJoyakim. Ke yena umntakwabo uYowahazi wamthimba wamsa eJiputa.

5. UJoyakim waqala ukulawula eneminyaka emashumi mabini anantlanu, walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. WĂȘnza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe.

2 Yeziganeko 36