2 Yeziganeko 30:8-21 Ibhayibhile (XHO96)

8. Yahlukanani neenkani; sanukuzifanisa nooyihlo, koko zinikezeleni kuNdikhoyo. Yizani kule ndawo ingcwele, le iya kuhlala ibekelwe bucala ngonaphakade nguye. Mbuseni uNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze umsindo wakhe usuke phezu kwenu.

9. Ukuba nibuyele kuNdikhoyo, abantakwenu nabantwana benu baya kwenzelwa inceba ngabo babathimbileyo, baze ke babuyele kweli lizwe, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.”

10. Izigidimi zazingena zonke iidolophu kwaEfrayim nakwaManase, zathi xhaxhe ngoZebhulon, kodwa ke abantu basuka baphoxisa ngazo, bahlekisa nokuhlekisa ngazo.

11. Kambe ke abanye kwa-Ashere, kwaManase, nakwaZebhulon, bazithoba baya eJerusalem.

12. KwaJuda uThixo abantu wabenza bavana, bamxhelo-mnye ekufezekiseni umyalelo kakumkani namaphakathi akhe ngokwelizwi likaNdikhoyo.

13. EJerusalem kwahlanganisana isihlwele sabantu, beze kubhiyozela iSidlo seSonka esingaNyuswanga, kwinyanga yesibini.

14. EJerusalem bawasusa amaqonga amadini kunye nalawo eziqhumiso, baya kuwaphosa kwintili yeKedron.

15. Ixhwane lePasika balixhela ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yesibini. Ababingeleli nabaLevi baba neentloni, baza bazihlambulula, benza amadini atshiswayo endlwini kaNdikhoyo.

16. Baza ke bema ngeendawo zabo ngokwemigqaliselo yomthetho kaMosis umfo wakwaThixo. Ababingeleli bafefa ngalo igazi ababelinikwe ngabaLevi.

17. Apho kweso sihlwele kwathi kanti baninzi abantu ababengazihlambululanga, ngoko ke abaLevi kwafuneka babaxhelele amaxhwane bonke abo *babenomlaza, bengenako ukuwanikela kuNdikhoyo ngokwabo amaxhwane abo.

18. Nangona uninzi lwabantu ababephuma kwaEfrayim, kwaManase, kwaIsakare, nakwaZebhulon babengazihlambululanga, kodwa nabo bathatha inxaxheba apho ePasikeni – nto leyo yayinxa mnye nomthetho. Kambe ke uHezekiya wabathandazela wathi: “Ngamana uNdikhoyo olungileyo wabaxolela bonke,

19. mntu ngamnye ozimisele ukufuna uThixo uNdikhoyo, uThixo wooyise, noba akahlambulukanga ngokwemigqaliselo yendawo engcwele.”

20. UNdikhoyo ke wawuva loo mthandazo kaHezekiya, wabaphilisa abantu.

21. Loo maSirayeli ayekhona eJerusalem asibhiyozela iSidlo seSonka esingaNyuswanga iintsuku zada zasixhenxe, benemincili novuyo olukhulu; baye bona abaLevi nababingeleli bememelela bedumisa uNdikhoyo yonke imihla, bekhatshwa zizikhalisi zokudumisa uNdikhoyo.

2 Yeziganeko 30