6. Ukumkani ekunye namaphakathi akhe bathuma izigidimi zatyhutyha uSirayeli noJuda ziphethe iileta ezazifundeka ngolu hlobo:“MaSirayeli, buyelani kuNdikhoyo uThixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, ukuze naye abuyele kuni nina basaseleyo, basindileyo kwisandla sookumkani baseAsiriya!
7. Sanukufana nooyihlo nabantakwenu bona basuke abanyaniseka kuNdikhoyo uThixo wooyise, khon' ukuze abenze umzekelo wesikizi njengoko nani nibona.
8. Yahlukanani neenkani; sanukuzifanisa nooyihlo, koko zinikezeleni kuNdikhoyo. Yizani kule ndawo ingcwele, le iya kuhlala ibekelwe bucala ngonaphakade nguye. Mbuseni uNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze umsindo wakhe usuke phezu kwenu.
9. Ukuba nibuyele kuNdikhoyo, abantakwenu nabantwana benu baya kwenzelwa inceba ngabo babathimbileyo, baze ke babuyele kweli lizwe, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.”
10. Izigidimi zazingena zonke iidolophu kwaEfrayim nakwaManase, zathi xhaxhe ngoZebhulon, kodwa ke abantu basuka baphoxisa ngazo, bahlekisa nokuhlekisa ngazo.
11. Kambe ke abanye kwa-Ashere, kwaManase, nakwaZebhulon, bazithoba baya eJerusalem.
12. KwaJuda uThixo abantu wabenza bavana, bamxhelo-mnye ekufezekiseni umyalelo kakumkani namaphakathi akhe ngokwelizwi likaNdikhoyo.
13. EJerusalem kwahlanganisana isihlwele sabantu, beze kubhiyozela iSidlo seSonka esingaNyuswanga, kwinyanga yesibini.
14. EJerusalem bawasusa amaqonga amadini kunye nalawo eziqhumiso, baya kuwaphosa kwintili yeKedron.
15. Ixhwane lePasika balixhela ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yesibini. Ababingeleli nabaLevi baba neentloni, baza bazihlambulula, benza amadini atshiswayo endlwini kaNdikhoyo.
16. Baza ke bema ngeendawo zabo ngokwemigqaliselo yomthetho kaMosis umfo wakwaThixo. Ababingeleli bafefa ngalo igazi ababelinikwe ngabaLevi.
17. Apho kweso sihlwele kwathi kanti baninzi abantu ababengazihlambululanga, ngoko ke abaLevi kwafuneka babaxhelele amaxhwane bonke abo *babenomlaza, bengenako ukuwanikela kuNdikhoyo ngokwabo amaxhwane abo.