16. Ngelo thuba ke ukumkani uAhazi wathumela kookumkani baseAsiriya ecela uncedo.
17. Kaloku namaEdom ayephindile amhlasela uJuda, aza emka nabathinjwa.
18. Kanti ke namaFilistiya azihlasela iidolophu ezisemazantsi eentaba kumathafa elakwaJuda nakwelasentlango. Bayithimba iBhete-shemeshe, iAyalon, iGederoti, iSoko, iTimna, neGimzo, namaphandle aziphahlileyo.
19. UNdikhoyo wamthobela eluthulini uJuda ngenxa yesimo sika-Ahazi ukumkani wakhe. Kaloku yena wakhuthaza inkohlakalo kwaJuda, akanyaniseka kuNdikhoyo.
20. Ke kaloku ukumkani waseAsiriya uTigilati-pilezere weza kuye, kodwa ke endaweni yokumnceda wamzisela inkathazo.