2 Yeziganeko 26:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke onke amaJuda athatha u-Uziya ambeka wangukumkani esikhundleni sikayise uAmaziya. U-Uziya lo ke wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ezelwe.

2. Nguye owayakhayo ngokutsha iElati, waza wayibuyisela kuJuda emva kokusweleka kuka-Amaziya.

3. U-Uziya wangena ebukhosini eneshumi elinesithandathu leminyaka, waza ke walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amahlanu anambini. Unina yayinguYekoliya intombi yaseJerusalem.

4. U-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, njengoko wenzayo noyise uAmaziya.

5. Wayemfuna ngenzondelelo uThixo ngemihla kaZakariya owayemluleka ngokuhlonela uThixo. Ngalo lonke ithuba emlandela uNdikhoyo, uThixo wamthi jize ngempumelelo.

6. U-Uziya walwa namaFilistiya, waza wazidiliza iindonga zaseGati nezaseYabhene nezaseAshdode. Kamva ke wakha iidolophu ngaseAshdode nakwezinye iindawo apho kwelamaFilistiya.

7. UThixo wamnceda ngakumaFilistiya nama-Arabhu awayehlala eGur-bhali, ndawonye namaMewun.

8. Ama-Amon ayekhuphela u-Uziya imirhumo; ewe, udumo lwakhe lwanabela nakwimida yeJiputa. Kaloku wayenamandla.

9. U-Uziya wakha iinqaba eJerusalem kwiSango leKona, nakwiSango leNtili, nasedolweni lodonga, waza ke waziqinisa.

10. Nasentlango wakha iinqaba, wemba namaqula amaninzi njengoko wayenemfuyo eninzi emazantsi eentaba nasemathafeni. Wayenabasebenzi bamasimi nabezidiliya ezintabeni nakwimihlaba echumayo – kaloku wayewuthanda umhlaba.

11. U-Uziya wayenomkhosi oqeqeshiweyo, ohleli uchophele ukuphuma ngamabutho ngokwezigaba zawo. Wawusesandleni sikaYehiyeli unobhala kunye noMaseya igosa ababephantsi koHananiya elinye lamaphakathi asebhotwe.

12. Inani leenkokheli zamabutho amiselwe ngokweziduko lalingamawaka amabini namakhulu amathandathu.

13. Zaziphethe umkhosi omadoda angamakhulu amathathu anesixhenxe amawaka namakhulu amahlanu, izinto eziyiqeqeshelweyo imfazwe – mkhosi lowo owawungamandla okuxhasa ukumkani ezintshabeni zakhe.

14. Lo mkhosi wonke ke wawuxhaswa ngu-Uziya ngamakhaka, imikhonto, iminqwazi, izikhuselo zentsimbi, izaphetha, neenkwitshi.

15. EJerusalem wenza oomatshini abaqingqwa ngamachule ukuze basetyenziswe ezinqabeni nakwizikhuselo ezisezikoneni zeendonga ukuze ke kudutyulwe ngeentolo, kugityiselwe ngamatye amakhulu. Udumo lwakhe lwanabela kulo lonke. Kaloku wancedwa waxhaswa kakhulu, wada ke wayingangamsha.

16. Kambe akuba ekhulile wanobungangamsha, u-Uziya wangenelwa likratshi elamrhuqela ekuweni. Wasuka akathembeka kuNdikhoyo uThixo wakhe, wada wangena endlwini kaNdikhoyo wenza isiqhumiso eqongeni leziqhumiso.

17. Ke umbingeleli uAzariya enamashumi asibhozo ababingeleli bakaNdikhoyo abangamatsha-ntliziyo bamlandela bangena naye.

2 Yeziganeko 26