7. Ke amahlakani alaa mfazi ukhohlakeleyo uAtaliya aqhekeza indlu kaThixo, aza athatha izitya ezingcwele zendlu kaNdikhoyo, azisebenzisa kunqulo lukaBhali.
8. Ngomyalelo kakumkani kwenziwa ityesana, yaza yabekwa ngaphandle kwesango lendlu kaNdikhoyo.
9. Wonke uJuda neJerusalem wakhutshelwa isaziso sokuba makezise kuNdikhoyo loo mrhumo wamiswa nguMosis isicaka sikaThixo, ewumisela uSirayeli entlango.
10. Onke amaphakathi kwakunye nabantu bonke, bakuthakazelela ukuzisa loo mrhumo, baza ke bamana bewufaka apho kuloo tyesana yada yazala.
11. Loo tyesana yayisithi yakuziswa ngabaLevi kumaphakathi kakumkani aze abone ukuba sekukho isixa semali, unobhala wasebhotwe negosa lombingeleli omkhulu babeyithatha bayikhuphe loo mali, baze bayiphindisele kwasendaweni yayo ityesana leyo. Le nto ke babeyenza njalo-njalo, baza ke ngaloo ndlela baqokelela imali eninzi.
12. Ukumkani noJoyada bayinikezela kuloo madoda ayesenza umsebenzi wendlu kaNdikhoyo. Baqesha iingcibi nabachweli ukuze zihlaziye indlu kaNdikhoyo, kananjalo bafuna nabasebenzi bentsimbi nobhedu ukuze balungise indlu kaNdikhoyo.
13. Loo madoda ayongamele umsebenzi lowo ayekhuthele, waza ke umsebenzi wokuhlaziya waqhubela phambili phantsi kwawo. Indlu kaThixo baphinda bayakha, bayibuyisela kwimo yayo yantlandlolo bayixhasa.