2 Yeziganeko 24:5-18 Ibhayibhile (XHO96)

5. Wabiza ababingeleli nabaLevi, wathi kubo: “Ngenani kwiidolophu zakwaJuda, niqokelele imali engumrhumo wonyaka kuwo onke amaSirayeli, ukuze kulungiswe indlu yoThixo wenu. Loo nto ke yenzeni ngoku.” Kodwa ke abaLevi abayenzanga kwangoko loo nto.

6. Ngoko ke ukumkani wabiza umbingeleli omkhulu uJoyada, wathi kuye: “Ngani ukuba ungatsho abaLevi bezise imali engumrhumo owamiswa nguMosis isicaka *sikaNdikhoyo waza wabethelelwa libandla likaSirayeli – mrhumo lowo abaLevi bebefanele ukuwuqokelela kumaJuda naseJerusalem – ingumrhumo wentente engqinela ubukho bukaNdikhoyo.”

7. Ke amahlakani alaa mfazi ukhohlakeleyo uAtaliya aqhekeza indlu kaThixo, aza athatha izitya ezingcwele zendlu kaNdikhoyo, azisebenzisa kunqulo lukaBhali.

8. Ngomyalelo kakumkani kwenziwa ityesana, yaza yabekwa ngaphandle kwesango lendlu kaNdikhoyo.

9. Wonke uJuda neJerusalem wakhutshelwa isaziso sokuba makezise kuNdikhoyo loo mrhumo wamiswa nguMosis isicaka sikaThixo, ewumisela uSirayeli entlango.

10. Onke amaphakathi kwakunye nabantu bonke, bakuthakazelela ukuzisa loo mrhumo, baza ke bamana bewufaka apho kuloo tyesana yada yazala.

11. Loo tyesana yayisithi yakuziswa ngabaLevi kumaphakathi kakumkani aze abone ukuba sekukho isixa semali, unobhala wasebhotwe negosa lombingeleli omkhulu babeyithatha bayikhuphe loo mali, baze bayiphindisele kwasendaweni yayo ityesana leyo. Le nto ke babeyenza njalo-njalo, baza ke ngaloo ndlela baqokelela imali eninzi.

12. Ukumkani noJoyada bayinikezela kuloo madoda ayesenza umsebenzi wendlu kaNdikhoyo. Baqesha iingcibi nabachweli ukuze zihlaziye indlu kaNdikhoyo, kananjalo bafuna nabasebenzi bentsimbi nobhedu ukuze balungise indlu kaNdikhoyo.

13. Loo madoda ayongamele umsebenzi lowo ayekhuthele, waza ke umsebenzi wokuhlaziya waqhubela phambili phantsi kwawo. Indlu kaThixo baphinda bayakha, bayibuyisela kwimo yayo yantlandlolo bayixhasa.

14. Bakuyiphetha ke, imali eseleyo bayisa kukumkani noJoyada; kwaza ke ngayo kwenziwa izinto zokusetyenziswa endlwini kaNdikhoyo: izixhobo zokusebenza, ezamadini atshiswayo, imicephe, nezinye izinto zegolide nezesiliva. Ngethuba lobomi bukaJoyada amadini atshiswayo ayenikezelwa engaphezi endlwini kaNdikhoyo.

15. Ke uJoyada wayeseleneminyaka, ekhulile emdala, enekhulu elinamashumi amathathu eminyaka ukufa kwakhe.

16. Wangcwatywa phakathi kookumkani kwisixeko sikaDavide, kuba kaloku wayenze okulungileyo kuThixo nendlu yakhe kwaSirayeli.

17. Emva kokusweleka kukaJoyada amaphakathi akwaJuda eza kubusa kukumkani, waza ke wawaphulaphula.

18. Bayilahla indlu *kaNdikhoyo uThixo wooyise, banqula iintsika zika-Ashera nemifanekiso. Ngenxa yobutyala bawo ke ingqumbo kaThixo yaba phezu koJuda neJerusalem.

2 Yeziganeko 24