2 Yeziganeko 24:14-23 Ibhayibhile (XHO96)

14. Bakuyiphetha ke, imali eseleyo bayisa kukumkani noJoyada; kwaza ke ngayo kwenziwa izinto zokusetyenziswa endlwini kaNdikhoyo: izixhobo zokusebenza, ezamadini atshiswayo, imicephe, nezinye izinto zegolide nezesiliva. Ngethuba lobomi bukaJoyada amadini atshiswayo ayenikezelwa engaphezi endlwini kaNdikhoyo.

15. Ke uJoyada wayeseleneminyaka, ekhulile emdala, enekhulu elinamashumi amathathu eminyaka ukufa kwakhe.

16. Wangcwatywa phakathi kookumkani kwisixeko sikaDavide, kuba kaloku wayenze okulungileyo kuThixo nendlu yakhe kwaSirayeli.

17. Emva kokusweleka kukaJoyada amaphakathi akwaJuda eza kubusa kukumkani, waza ke wawaphulaphula.

18. Bayilahla indlu *kaNdikhoyo uThixo wooyise, banqula iintsika zika-Ashera nemifanekiso. Ngenxa yobutyala bawo ke ingqumbo kaThixo yaba phezu koJuda neJerusalem.

19. UNdikhoyo wathumela *abashumayeli apho ebantwini ukuze babashumayeze baguqukele kuye, kodwa abazange baguquke naxa bebakhalimela.

20. Ke uMoya kaThixo wamfikela uZakariya unyana wombingeleli uJoyada. Wema phambi kwabantu, wathi: “UThixo uthi: ‘Kungani na ukuba ningayithobeli imiyalelo kaNdikhoyo? Soze nibe nto! Ngenxa yokuba nimlahlile uNdikhoyo, naye ke unilahlile.’ ”

21. Kambe ke basuka bamenzela iyelenqe, baza ngokomyalelo kakumkani bamgibisela ngamatye wafela enkundleni yendlu kaNdikhoyo.

22. Ukumkani uYowashe wabulibala ubuntu awayebenzelwe nguyise kaZakariya, wasuka wambulala unyana wakhe. Ke xa afayo uZakariya wathi: “Ngamana uNdikhoyo wakugqala ngesi senzo, akubuyekeze.”

23. Ngentlakohlaza yaloo nyaka umkhosi wama-Aram wahlasela uYowashe, wamngenela uJuda neJerusalem, wazibulala zonke iinkokheli zabantu. Amaxhoba onke bawathumela kukumkani wabo eDamasko.

2 Yeziganeko 24