1. Ukungena kwakhe ebukhosini uYowashe wayeneminyaka esixhenxe, waza ke walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amane. Unina yayinguZibheya intombi yaseBheshebha.
2. Ngalo lonke ixesha lombingeleli uJoyada uYowashe wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.
3. UJoyada wamfunela abafazi ababini, waza ke wanoonyana neentombi.
4. Emva koko ke uYowashe wazimisela ukuyihlaziya indlu kaNdikhoyo.
5. Wabiza ababingeleli nabaLevi, wathi kubo: “Ngenani kwiidolophu zakwaJuda, niqokelele imali engumrhumo wonyaka kuwo onke amaSirayeli, ukuze kulungiswe indlu yoThixo wenu. Loo nto ke yenzeni ngoku.” Kodwa ke abaLevi abayenzanga kwangoko loo nto.
6. Ngoko ke ukumkani wabiza umbingeleli omkhulu uJoyada, wathi kuye: “Ngani ukuba ungatsho abaLevi bezise imali engumrhumo owamiswa nguMosis isicaka *sikaNdikhoyo waza wabethelelwa libandla likaSirayeli – mrhumo lowo abaLevi bebefanele ukuwuqokelela kumaJuda naseJerusalem – ingumrhumo wentente engqinela ubukho bukaNdikhoyo.”