1. Ukungena kwakhe ebukhosini uYowashe wayeneminyaka esixhenxe, waza ke walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amane. Unina yayinguZibheya intombi yaseBheshebha.
2. Ngalo lonke ixesha lombingeleli uJoyada uYowashe wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.
3. UJoyada wamfunela abafazi ababini, waza ke wanoonyana neentombi.
4. Emva koko ke uYowashe wazimisela ukuyihlaziya indlu kaNdikhoyo.
5. Wabiza ababingeleli nabaLevi, wathi kubo: “Ngenani kwiidolophu zakwaJuda, niqokelele imali engumrhumo wonyaka kuwo onke amaSirayeli, ukuze kulungiswe indlu yoThixo wenu. Loo nto ke yenzeni ngoku.” Kodwa ke abaLevi abayenzanga kwangoko loo nto.