2 Yeziganeko 24:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ukungena kwakhe ebukhosini uYowashe wayeneminyaka esixhenxe, waza ke walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amane. Unina yayinguZibheya intombi yaseBheshebha.

2. Ngalo lonke ixesha lombingeleli uJoyada uYowashe wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.

3. UJoyada wamfunela abafazi ababini, waza ke wanoonyana neentombi.

4. Emva koko ke uYowashe wazimisela ukuyihlaziya indlu kaNdikhoyo.

5. Wabiza ababingeleli nabaLevi, wathi kubo: “Ngenani kwiidolophu zakwaJuda, niqokelele imali engumrhumo wonyaka kuwo onke amaSirayeli, ukuze kulungiswe indlu yoThixo wenu. Loo nto ke yenzeni ngoku.” Kodwa ke abaLevi abayenzanga kwangoko loo nto.

2 Yeziganeko 24