2 Yeziganeko 22:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. UAhaziya waqalisa ukulawula xa eneminyaka emashumi mabini anambini, waza walawula eJerusalem unyaka wamnye. Unina yayinguAtaliya umzukulwana kaOmri.

3. Naye ke wahamba ekhondweni lendlu ka-Ahabhi, ekubeni wayekhuthazwa ngunina ekwenzeni ububi.

4. WĂȘnza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengendlu ka-Ahabhi. Kaloku akuba engasekho uyise kweza abendlu ka-Ahabhi baba ngabacebisi bakhe, nto leyo yaluphuthisayo ulawulo lwakhe.

5. Walandela icebo labo, waya emfazweni noYoram unyana ka-Ahazi ukumkani wakwaSirayeli xa wayesilwa noHazayeli ukumkani wama-Aram kwiRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram amngxwelerha uYoram,

6. waza ke yena waya eYizereli khon' ukuze achache kuloo manxeba wayewafumene eRamoti kwelo dabi noHazayeli ukumkani wakwa-Aram.Ke uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda wehla waya eYizereli esiya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi njengoko wayenzakele.

7. Ukuwa kuka-Ahaziya ekutyeleleni kwakhe uYoram kwaphuma kuThixo. Akufika uAhaziya wahamba noYoram baya kubonana noYehu unyana kaNimshi owayethanjiswe nguNdikhoyo ukuze atshabalalise indlu ka-Ahabhi.

2 Yeziganeko 22