2 Yeziganeko 21:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke uYoshafati waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe kwangena uYehoram unyana wakhe.

2. Abantakwabo-Yehoram, oonyana bakaYoshafati, yayingooAzariya, uYehiyeli, uZakariya, uAzariyahu, iMikayeli, noShefatiya. Bonke abo ke ngoonyana bakaYoshafati ukumkani wakwaSirayeli.

2 Yeziganeko 21