1. UAbhiya ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa kwisixeko sikaDavide. UAsa unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.
2. UAsa yena wĂȘnza okulungileyo emehlweni kaNdikhoyo uThixo wakhe.
3. Wazitshabalalisa iindawo eziphakamileyo zonqulo ndawonye namaqonga asemzini; wawacumza amatye anqulwayo, wazigawula iintsika zika-Ashera.
4. UJuda wamyalela ukuba alandele uNdikhoyo uThixo wooyise, ayithobele imithetho nemiyalelo yakhe.
5. Wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo namaqonga eziqhumiso kuzo zonke iidolophu zakwaJuda, laza ke ilizwe laxhamla inzolo ngexesha lakhe.