2 Yeziganeko 12:15-16 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ke ezinye zeziganeko zikaRehobhowam, ukususela ekuqaleni kuye kutsho esiphelweni, nâzo kwincwadi yeembali zomshumayeli uShemaya nencwadi yeembali zemboni uIdo, umshumayeli oyichazileyo imilibo yokuzalwa. Yaba soloko iluzenge-zenge lwemfazwe phakathi koRehobhowam noJerobhowam.

16. URehobhowam waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uAbhiya.

2 Yeziganeko 12