1. Ndandizimisele ke ukuba andiyi kuphinda ndize kuni, ndize kunenza lusizi.
2. Kuba ndingónwatyiswa ngubani, xa ndikhathaza nina? Kaloku akukho wumbi ngaphandle kwenu!
3. Into ke eyandibangela ukuba ndinibhalele laa leta kukuba ndandingathandi ukuviswa intliziyo ebuhlungu kwangabo bantu bamelwe kukundonwabisa. Kaloku ndiqinisekile kukuba nani niyonwaba xa ninonke ukuba mna ndonwabile.
4. Ndanibhalela ndinexhala, ndibuhlungu, ndisezinyembezini, phofu ndingajonge ukunivisa ntw' imbi, koko ndandifuna niyiqonde kakuhle indlela endinithanda ngayo.