2 Kasamweli 9:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. UDavide wathi: “Ngaba akusekho nampunde na iseleyo kumzi kaSawule? Ndifuna ukuyenzela inceba ngenxa kaJonatan.”

2. Kwakukho isicaka sakwaSawule apho, uZibha igama. Kwathiwa masiye phambi kokumkani. Wasibuza ukumkani sakufika wathi: “UnguZibha wena?”Saphendula sathi: “Ewe, ndinguye umkhonzi wakho.”

3. Uqhube wathi ukumkani: “Ngaba kusekho impunde ekhoyo endlwini kaSawule? Ndifuna ukubonakalisa inceba kaThixo kuyo.”UZibha wathi kukumkani: “Ewe, kusekho unyana kaJonatan; nto nje ulimele iinyawo zombini.”

4. Ukumkani wathi kuye: “Uphi apho akhoyo?”UZibha wathi kukumkani: “Uhlala kwaMakire, unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.”

5. Ke ukumkani uDavide wamsusa uMefibhoshete endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli eLodebhare.

2 Kasamweli 9