7. UDavide wawahlutha amakhaka egolide awayengawamaphakathi kaHadadizere, waya nawo eJerusalem.
8. Kwiidolophu zikaHadadizere iTebha neBherotayi ukumkani uDavide wathimba intaphane yobhedu.
9. Zaya kutsho naseHamati kukumkani uToyi iindaba zokoyiswa komkhosi kaHadadizere nguDavide.
10. Wandulula unyana wakhe uYoram ukuba ase imibuliso yakhe kukumkani uDavide, avuyisane naye ngokoyisa kwakhe uHadadizere owalwa kaninzi-ninzi nokumkani uToyi. UYoram waphathela uDavide izipho ezenziwe ngegolide nangesiliva nangobhedu.
11. Ezo zipho uDavide wazinikezela kuNdikhoyo, kwanjengoko wenjenjalo nangesiliva negolide awayeyithimbe kwizizwe zonke azoyisileyo:
12. ama-Aram, amaMowabhi, ama-Amon, amaFilistiya, kunye nama-Amaleki. Wanikezela nangamaxhoba awawathimba kukumkani waseZobha uHadadizere unyana kaRehobhi.
13. UDavide wazenzela igama ukubuya kwakhe emva kokubulala ishumi elinesibhozo lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyiwa.
14. Wamisa amabutho akhe kulo lonke elase-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.
15. Ke kaloku uDavide walawula uSirayeli ewonke jikelele, ebaphethe kakuhle nangobulungisa bonke abantu bakhe.
16. UJowabhi, unyana kaZeruya, wayeyinjengele yomkhosi, uYoshafati, unyana ka-Ahilude, engumthathi-manqaku.
17. Ke yena uZadoki, unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki, unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli, uSeraya yena engunobhala.
18. UBhenaya, unyana kaJoyada, wayongamele abalindi abangamaKreti namaPleti. Ke bona oonyana bakaDavide bengabacebisi bakakumkani.