6. Wasuka ke wabeka amabutho akhe kuwo wonke umbuso wama-Aram aseDamasko, ahlala ephantsi kwakhe, akhupha imirhumo kuye. UDavide wanikwa uloyiso nguNdikhoyo konke apho ahamba khona.
7. UDavide wawahlutha amakhaka egolide awayengawamaphakathi kaHadadizere, waya nawo eJerusalem.
8. Kwiidolophu zikaHadadizere iTebha neBherotayi ukumkani uDavide wathimba intaphane yobhedu.
9. Zaya kutsho naseHamati kukumkani uToyi iindaba zokoyiswa komkhosi kaHadadizere nguDavide.
10. Wandulula unyana wakhe uYoram ukuba ase imibuliso yakhe kukumkani uDavide, avuyisane naye ngokoyisa kwakhe uHadadizere owalwa kaninzi-ninzi nokumkani uToyi. UYoram waphathela uDavide izipho ezenziwe ngegolide nangesiliva nangobhedu.
11. Ezo zipho uDavide wazinikezela kuNdikhoyo, kwanjengoko wenjenjalo nangesiliva negolide awayeyithimbe kwizizwe zonke azoyisileyo:
12. ama-Aram, amaMowabhi, ama-Amon, amaFilistiya, kunye nama-Amaleki. Wanikezela nangamaxhoba awawathimba kukumkani waseZobha uHadadizere unyana kaRehobhi.