2 Kasamweli 6:12-22 Ibhayibhile (XHO96)

12. Waxelelwa ukumkani uDavide kwathiwa: “Uwusikelele uNdikhoyo umzi kaObhedi-edom, nezinto zonke anazo, ngenxa yokugcina kwakhe ityesi kaThixo.” Waya kuyilanda ngemincili apho endlwini kaObhedi-edom ke uDavide ityesi kaThixo, wayisa esixekweni sikaDavide.

13. Kwakusithiwa loo madoda ayeyithwele ityesi kaNdikhoyo ehambe nje iinyawo zantandathu, uDavide athi makumiwe, enzele uNdikhoyo idini ngenkunzi yenkomo nangethole elityebileyo.

14. Wayexhentsa ngamandla phambi koNdikhoyo uDavide, ethe thande nje kuphela isidanga selinen esinqeni.

15. Yada yaya kungena eJerusalem ityesi kaNdikhoyo, uDavide namaSirayeli betsho ngentsholo lihlombe, kukhala nezigodlo.

16. Ekungeneni kwabo netyesi kaNdikhoyo esixekweni sikaDavide, uMikali, intombi kaSawule, wayebukele ekrobe ngefestile. Wathi ke, akubona ukumkani uDavide exhentsa etyityimba phambi koNdikhoyo, yamtsho wamcekisa entliziyweni yakhe loo nto.

17. Bahamba nayo ityesi kaNdikhoyo, baya kuyifaka endaweni yayo kwintente eyenzelwe yona nguDavide. Emva koko ke uDavide wamenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo nawobudlelwane.

18. Uthe akugqiba ukwenza loo madini atshiswayo nawobudlelwane uDavide wacelela abantu amathamsanqa kuNdikhoyo onamandla onke.

19. Emva koko ke wonke umSirayeli, indoda nomfazi, wamnika iqebengwana lesonka, nesuntswana leedatile neleerasentyisi. Kwagodukwa ngumntu wonke.

20. Uthe akufika ekhaya uDavide, ezimisele ukusikelela indlu yakhe, umkakhe uMikali intombi kaSawule wamhlangabeza, wathi: “Ngxatsho ke, kumkani wamaSirayeli! Yini, wethu, awabi nazintloni ukuhamba ze nangaphambi kwezicakazana zamaphakathi akho? Ubunjengendlavini, yona ihamba izihluba nje naphi na!”

21. UDavide waphendula wathi kuMikali: “Mna into ebendiyenza bendidumisa uNdikhoyo ngokuya bendixhentsa, lo ndityunjwe nguye ukuba ndikhokele amaSirayeli endaweni kayihlo kunye nendlu yakhe. Ndiya kumdumisa uNdikhoyo,

22. yaye ndizimisele ukuqhubela phambili ukuba ngothobekileyo. Ungandidela wena, kodwa zona ezaa zicakazana zamantombazana zindihloniphile.”

2 Kasamweli 6