2 Kasamweli 2:4-6 Ibhayibhile (XHO96)

4. Afika ke amadoda akwaJuda, eze kumthambisa uDavide apho eHebron ukuba abe ngukumkani wakwaJuda.Zithe zakufika kuDavide iindaba zokuba abantu baseJabheshe eGiliyadi bamngcwabile uSawule,

5. wathumela izigidimi kubo, wathi: “Wanga uNdikhoyo anganithamsanqela ngesenzo esihle sokubonakalisa intembeko ngokungcwaba inkosi yenu uSawule.

6. Ubenga uNdikhoyo anganiphatha ngobubele nangokunyaniseka. Nam ke ndiza kuniphatha kakuhle ngenxa yale nto niyenzileyo.

2 Kasamweli 2