27. Wacenga uAbhasalom, wada wavuma uDavide ukukhulula uAmnon ahambe noonyana bonke bakakumkani.
28. UAbhasalom wafika wayalela izicaka zakhe ngelithi: “UAmnon lo nize nimqaphele, nimbone ukuba seleyobile yiwayini, nimgwaze afe ndakutsho kuni ukuthi: ‘Mbulaleni uAmnon!’ Ze ningoyiki, kutsho mna, niyeva! Ze niqine, nikhaliphe.”
29. Hayi ke, izicaka zika-Abhasalom zenza ngokomyalelo wenkosi yazo uAbhasalom. Bonke oonyana bakakumkani bathi khwasu bakhwela iimbongolo zabo, babaleka.
30. Zafika kuDavide besesendleleni egodukayo ezo ndaba zithi: “UAbhasalom ubabulele bonke oonyana bakakumkani, akwasala noba abe mnye.”
31. Ukumkani wathi khwasu kwangoko, wakrazula izambatho zakhe, waqungquluza emhlabeni. Amaphakathi akhe onke nawo azikrazula ezawo izambatho emi ngakuye.
32. Kwesi sithuba kuvele uYonadabhi unyana kaShama umntakwabo-Davide, wathi: “Umhlekazi makangeva kusithiwa babulewe bonke oonyana bakhe; kufe uAmnon yedwa. Loo nto yenzeka kuba uAbhasalom wagqiba kwangalaa mhla uAmnon wadlwengula udade wabo ukuba uya kuze ambulale.
33. Ngoko ke umhlekazi makangazihluphi ngokucinga okokuba oonyana bakhe bafe bonke. Hayi, nguAmnon yedwa lo ufileyo.”
34. Ke yena uAbhasalom wabaleka wabhaca.Ke umlindi wabona ihlokondiba labantu lisihla intaba, lihamba ngendlela evela eHoronayim.
35. Waza uYonadabhi wathi kukumkani: “Khangela, nabaya besiza oonyana bakakumkani. Kunjengoko besitshilo isicaka sakho.”
36. Uthe esakhova nje ukuthetha, bagaleleka oonyana bakakumkani, basitsho isikhalo. Wangenelela ukumkani, amaphakathi nawo angenelela, bonke batsho ngesikrakra.
37. UAbhasalom wabalekela kuTalmayi, unyana ka-Amihudi, owayengukumkani waseGeshuri. UDavide wamzilela mihla le uAmnon unyana wakhe.
38. Ke yena uAbhasalom owayebalekele eGeshuri wahlala apho iminyaka emithathu.
39. Sakudlula isithukuthezi sokufelwa ngunyana wakhe uAmnon, ukumkani uDavide wanqwenela ukuya kumbona unyana wakhe uAbhasalom.