4. “Ke wena ukuba uthe wahamba phambi kwam ngokunyaniseka konke nangentliziyo engagqwidiziyo njengoyihlo uDavide, xa uthe wakwenza konke endikuyalela kona, wayigqala imimiselo nemithetho yam,
5. ndiya kubuzinzisa ubukhosi bakho phezu koSirayeli nanini-nanini njengoko ndathembisayo kuyihlo uDavide ngokuya ndandisithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda yokuhlala kwisihlalo sobukhosi kwaSirayeli.’
6. “Kodwa ukuba nina nokuba ngoonyana benu nisuke nandilahla anayikhathalela imiyalelo nemimiselo endininike yona, naphamba naya kukhonza ninqula *thixo bambi,
7. mna ndomnqamla uSirayeli kweli lizwe ndamnika lona, nale ndlu ndiyingcwalisele igama lam ndoyilahla. Ke yena uSirayeli uya kuba ngundaba-mlonyeni, abe sisigculelo kuzo zonke izizwe.
8. Ewe, ingade ibe ngoku inomtsalane le ndlu, kodwa bonke abadlula kuyo baya kumangaliseka baphoxise bathi: ‘Ngani ukuba uNdikhoyo enze into enje kweli lizwe nakule ndlu?’
9. Bophendula ke abantu bathi: ‘Kungenxa yokuba aba bantu besuke bamfulathela uNdikhoyo uThixo wabo, lowo wakhupha ooyise eJiputa. Basuke baqhogana nathixo bambi, bababusa babanqula. Kungenxa yeso sizathu ke ebathobele esi sithwakumbe nje.’ ”