20. Bonke abantu ababesele kwiintlanga zama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi – ezi ntlanga ke zazingengawo amaSirayeli,
21. koko zazisisizukulwana sazo ezingazange zacinywa igama ngamaSirayeli – uSolomon wagaya bona baba libutho labasebenzi abanyanzelwayo, njengoko kusenjalo unanamhla.
22. Kambe ke uSolomon lo amaSirayeli akawafakanga kwibutho labasebenza ngokunyanzelwa, koko wawagayela kumabutho omkhosi, aba zizinxiba-mxhaka kurhulumente wakhe, engamagosa, oomaqhuzu, nababhexeshi beenqwelo, nabakhweli-mahashe.
23. Amanye ke ayengamaphakathi aphambili aphethe imisebenzi kaSolomon, engamagosa angamakhulu amahlanu anamashumi amahlanu awayongamele amadoda awayesenza umsebenzi.
24. Intombi yokumkani waseJiputa eyayingumka-Solomon, ithe yakuphuma kwisixeko sikaDavide, isiza kwibhotwe awayakhela lona uSolomon, uSolomon wawulungelelanisa umhlaba owawuxhase isixeko ngasempuma.