1 Yookumkani 9:2-13 Ibhayibhile (XHO96)

2. uNdikhoyo wabonakala kuye okwesibini, kanye kwangalaa ndlela wayebonakele ngayo kuye eGibheyon.

3. UNdikhoyo wathetha naye wathi:“Ndiwuvile umthandazo nezikhungo ozenzileyo kum. Le ndlu uyakhele ukuhlala igama lam ndiyingcwalisile. Amehlo am ohlala kuyo, intliziyo yam ingaze yahlukane nayo.

4. “Ke wena ukuba uthe wahamba phambi kwam ngokunyaniseka konke nangentliziyo engagqwidiziyo njengoyihlo uDavide, xa uthe wakwenza konke endikuyalela kona, wayigqala imimiselo nemithetho yam,

5. ndiya kubuzinzisa ubukhosi bakho phezu koSirayeli nanini-nanini njengoko ndathembisayo kuyihlo uDavide ngokuya ndandisithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda yokuhlala kwisihlalo sobukhosi kwaSirayeli.’

6. “Kodwa ukuba nina nokuba ngoonyana benu nisuke nandilahla anayikhathalela imiyalelo nemimiselo endininike yona, naphamba naya kukhonza ninqula *thixo bambi,

7. mna ndomnqamla uSirayeli kweli lizwe ndamnika lona, nale ndlu ndiyingcwalisele igama lam ndoyilahla. Ke yena uSirayeli uya kuba ngundaba-mlonyeni, abe sisigculelo kuzo zonke izizwe.

8. Ewe, ingade ibe ngoku inomtsalane le ndlu, kodwa bonke abadlula kuyo baya kumangaliseka baphoxise bathi: ‘Ngani ukuba uNdikhoyo enze into enje kweli lizwe nakule ndlu?’

9. Bophendula ke abantu bathi: ‘Kungenxa yokuba aba bantu besuke bamfulathela uNdikhoyo uThixo wabo, lowo wakhupha ooyise eJiputa. Basuke baqhogana nathixo bambi, bababusa babanqula. Kungenxa yeso sizathu ke ebathobele esi sithwakumbe nje.’ ”

10. Ke kaloku ekupheleni kwamashumi amabini eminyaka, xesha elo walithathayo uSolomon ekwakheni ezi zakhiwo zibini ziyindlu kaNdikhoyo nebhotwe likakumkani,

11. ukumkani uSolomon wanika ukumkani uHiram waseTire iidolophu ezimashumi mabini kweliya laseGalili. Kaloku uHiram lo nguye owamxhasa ngazo zonke izinto awayezifuna: imithi yomsedare, imipayini, kunye negolide.

12. Kambe ke uthe uHiram akuba esukile eTire waya kubona ezo dolophu azinikwe nguSolomon, suka azamkholisa.

13. Wabuza wathi: “Ezi dolophu undiphe zona yile mfeketho, mntakwethu?” Wazibiza ngokuba ngumhlaba waseKabhuli. Zisabizwa njalo ke unanamhla.

1 Yookumkani 9