13. Wabuza wathi: “Ezi dolophu undiphe zona yile mfeketho, mntakwethu?” Wazibiza ngokuba ngumhlaba waseKabhuli. Zisabizwa njalo ke unanamhla.
14. Ke uHiram lo wathumela uSolomon igolide ebunzima bungaphezu kwamawaka amane eekhilogram.
15. Ukumkani uSolomon wagaya abasebenzi bonyanzelo ukuze akhe indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe nokulungiselelanisa umhlaba oxhase isixeko ngasempuma, ukwakha iindonga ezijikeleze iJerusalem, nokwakha iHazore, iMegido, neGezere.
16. Kaloku ukumkani waseJiputa wayihlasela wayithatha iGezere. Wayitshisa ngomlilo, wababulala abemi bayo abangamaKanana, waza wembesa ngayo intombi yakhe eyayingumka-Solomon.
17. Ke uSolomon wabuya wayivusa iGezere. Wayakha iBhete-horon engezantsi,
18. iBhalati, neTademore entlango kwasemhlabeni wakhe,
19. ndawonye nazo zonke izixeko ezazingoovimba bakhe, nezixeko zeenqwelo kunye nezamahashe akhe, nayo nantoni na awayakhayo eJerusalem naseLebhanon, ukanti nakuwo wonke ummandla awayewulawula.
20. Bonke abantu ababesele kwiintlanga zama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi – ezi ntlanga ke zazingengawo amaSirayeli,
21. koko zazisisizukulwana sazo ezingazange zacinywa igama ngamaSirayeli – uSolomon wagaya bona baba libutho labasebenzi abanyanzelwayo, njengoko kusenjalo unanamhla.
22. Kambe ke uSolomon lo amaSirayeli akawafakanga kwibutho labasebenza ngokunyanzelwa, koko wawagayela kumabutho omkhosi, aba zizinxiba-mxhaka kurhulumente wakhe, engamagosa, oomaqhuzu, nababhexeshi beenqwelo, nabakhweli-mahashe.
23. Amanye ke ayengamaphakathi aphambili aphethe imisebenzi kaSolomon, engamagosa angamakhulu amahlanu anamashumi amahlanu awayongamele amadoda awayesenza umsebenzi.