1 Yookumkani 22:4-22 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ngoko ke wathi kuYoshafati: “Uya kuhamba nam na, silwe neRamoti yaseGiliyadi?”UYoshafati wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.”

5. Kodwa ke uYoshafati waleka ngelithi kukumkani wakwaSirayeli: “Khawuqale ubuzise *kuNdikhoyo.”

6. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabaqokelela abashumayeli bekwisithuba samakhulu amane, wathi: “Ndingaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”Bathi: “Yiya; uNdikhoyo uza kuyinikela esandleni sikakumkani.”

7. Kambe ke uYoshafati wathi: “Akusekho mshumayeli kaNdikhoyo na apha esinokubuza kuye?”

8. Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuNdikhoyo, kodwa ke mna ndiyithiyile, kuba ayishumayeli okuhle ngokubhekisele kum, soloko ibububi bodwa. Igama layo nguMika, unyana kaImla.”UYoshafati wathi: “Hayi bo, ukumkani makangathethi njalo.”

9. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabiza elinye lamaphakathi akhe, wathi kulo: “Khawuleza uze noMika, unyana kaImla.”

10. Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda babevethe ezobukhosi, bengqendeve ezihlalweni zabo esandeni sokubhula esikufuphi nesango laseSamariya, belapho phambi kwâbo bashumayeli.

11. Ke uZedekiya, unyana kaKenana, wayenze iimpondo ngentsimbi, waza ke wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngezi mpondo ùya kuwahlaba uwatshabalalise ama-Aram.’ ”

12. Nabanye ke abashumayeli bashumayela kwaloo nto, besithi: “Phakathi! Yihlasele iRamoti yaseGiliyadi. Uza kuyoyisa, kuba uNdikhoyo uyinikele esandleni sikakumkani.”

13. Ke isigidimi esasiphuthume uMika sathi kuye: “Uyabona ke, abanye abashumayeli batsho ngazwi-nye kukumkani ukuthi uza kuphumelela. Nawe ke uze ungaphikisani nabo, koko uthethe okuhle.”

14. UMika ke yena wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, ndiza kuthetha kuphela loo nto andixelela yona uNdikhoyo!”

15. Akuba efikile ke, ukumkani wathi kuye: “Mika, singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”UMika wathi: “Phakathi! Yihlasele; uya kuyoyisa, kuba uNdikhoyo uyinikele esandleni sikakumkani!”

16. Ukumkani wathi kuye: “Koda kube kangaphi ndikufungisa ndisithi musa ukundixelela nto yimbi ngaphandle kwenyaniso egameni likaNdikhoyo?”

17. UMika wathi: “Ewe, uSirayeli ndimbone ethe saa ezintabeni, engathi ziigusha ezingenamalusi; waza uNdikhoyo wathi: ‘Aba bantu abanankosi, ngoko ke elowo nalowo makagoduke ngoxolo.’ ”

18. Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Bendingatshongo na kuwe ukuba lo mfo akaze ashumayele nto intle ngam, koko zezimbi zodwa!”

19. Ke uMika waqhuba wathi: “Ngoko ke liveni ilizwi likaNdikhoyo. UNdikhoyo ndimbone ehleli esihlalweni sakhe, ephahlwe ngumkhosi wonke wasezulwini, umi ngasekunene nangasekhohlo kwakhe.

20. Waza ke yena wathi: ‘Yaz' ukuba ngubani na oya kulukuhla uAhabhi aze ahlasele iRamoti yaseGiliyadi, khon' ukuze afele khona?’ Omnye uthethe ngolu hlobo, waza ke omnye wathetha ngoluya.

21. Ekugqibeleni ke kuvele moya uthile, wema phambi koNdikhoyo, wathi: ‘Ndiya kumlukuhla mna.’

22. ‘Uya kumlukuhla kanjani?’ ubuzile uNdikhoyo. Umoya lowo uthe: ‘Ndophuma ndiye ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabo bonke abashumayeli.’ Waza ke uNdikhoyo wathi: ‘Hamba ke, wenjenjalo; uya kuphumelela ekumlukuhleni.’

1 Yookumkani 22