1 Yookumkani 22:24-41 Ibhayibhile (XHO96)

24. Wasuka ke uZedekiya unyana kaKenana waya kuMika, wafika wamqhwaba ngempama, wathi: “Ugqithe phi na kum loo moya kaNdikhoyo ukuba aye kuthetha kuwe?”

25. UMika wathi: “Loo nto uya kuyiqonda mhla waya kuzimela kwigumbi elingaphakathi.”

26. Ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Mthatheni uMika lo, nimse kuAmon usibonda wesixeko noYowashe unyana kakumkani,

27. nithi: ‘Utsho ukumkani ukuthi: Valelani lo mfo entolongweni, angatyi nto ngaphandle komxheshwana wesonka namanzi, ndide ndibuye ndiphilile.’ ”

28. Ke uMika wathi: “Ukuba ngaba ungabuya uphilile, woba uNdikhoyo engathethanga ngomlomo wam.” Waza ke wongezelela ngelithi: “Wagqaleni la mazwi xa ninonke, bantundini!”

29. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda benyuka baya eRamoti yaseGiliyadi.

30. Ukumkani wakwaSirayeli wathetha noYoshafati, wathi: “Mna ndiza kungena kweli dabi ndinxibe ngendlela eya kundenza ndingaqondakali ukuba ndingukumkani, kodwa ke wena nxiba ezobukhosi.” Ke ukumkani wakwaSirayeli wazenza mntu wumbi, waza ke waya apho edabini.

31. Ke ukumkani wama-Aram waziyalela iingqwayi-ngqwayi zeenqwelo zakhe ezingamashumi amathathu anambini, wathi: “Ze ningalwi naye nawuphi na omnye umntu, nokuba ngomncinci, nokuba ngomkhulu, yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.”

32. Zithe ke iingwayi-ngwayi zeenqwelo zakubona uYoshafati, zacinga zathi: “Ngenene, nguye lo ukumkani wakwaSirayeli.” Ngoko ke zaphethuka zafunzela kuye, kodwa uYoshafati wasuka wakhala,

33. zaza iingqwayi-ngqwayi ezo zaqonda ukuba akunguye ukumkani wakwaSirayeli, zayeka ukumsukela.

34. Kambe ke joni lithile lasuka lajolisa nje ngokungakhathali ngotolo, suka lachana ukumkani wakwaSirayeli, utolo lwangena ekudibaneni kwezikhuselo awayezinxibile. Ukumkani wathetha nomqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Bandingxwelerhile; yijike inqwelo, siphume edabini.”

35. Idabi laqhuba ke yonke loo mini, waye ukumkani exhaswe enqwelweni yakhe, ejongise ngakuma-Aram. Igazi elalimpompoza kwelo nxeba lakhe lada lathi gwantyi phantsi apho enqwelweni, waza ke xa kuhlwayo wafa.

36. Kwathi xa lithi ndithenge, kwavakala umyalelo kwalapho emkhosini usithi: “Elowo emzini wakhe! Elowo ezweni lakhe!”

37. Waba ke ngaloo ndlela ukumkani wakwaSirayeli uyafa. Waza ke wasiwa eSamariya, wangcwatyelwa khona.

38. Loo nqwelo wayekuyo yahlanjwa kwichibi elithile apho eSamariya (kwelo chibi ke kwakuhlambela kulo amahenyukazi). Ke zona izinja zalixhapha elo gazi lakhe ngokwelizwi awayelithethile uNdikhoyo.

39. Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahabhi nezenzo zakhe, nelo bhotwe walakhayo walihombisa ngamabamba eendlovu, kunye nezixeko awazinqabisayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

40. UAhabhi waya kuphumla kooyise, waza ke unyana wakhe uAhaziya waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

41. Ke kaloku uYoshafati unyana ka-Asa waba ngukumkani kwaJuda kunyaka wesine uAhabhi engukumkani wakwaSirayeli.

1 Yookumkani 22